Sunday, 7 June 2015

#15

It was friday, ndiyolanda Results, then Monday kuzoba yiRegistration. Ndivukele ke, nawo wonke umthwalo wam, ngoba bendixokile ekhaya ndathi ndonqena ukwehla ndisonyuka. Little did they know ukuba mna ndizoziyela eDurban kuXola. Him and I were in good terms. We were past the Mondli thing an Mondli still called afune ukwazi ukuba ndiphi, ndenzani oku ngathi mna naye siyajola. Besendiyamkele shame impatho yakhe and I saw it fit ba ndivele ndenze ngalendlela imonwabisayo, otherwise ndizothukwa ngazo zonke.

Luckily,  I had passed. My lowest mark was a 59% and the rest above 60%. OG naye bepase kakuhle. From campus, I went to drop off some of my stuff endlini, then ndayogibela ezase Durban. Xola undiyale ba ndizogila njani ukuya kuye endlini. Uthena yindlela yoziqhelisa ukuya apho ahlala khona incase he can't pick me up. Ndifike ebukele iTV, eqimbileu. Ayanda ebengekho esemntwini wakhe, so it was just us. Nibe aware ke ukuba eyam iphone ihlala kusilent.  I did that because I knew Mondli angandifaka engxakini, engana smilo nje.

Later on that night, we did the deed, after a fight of course,  because bhuti didn't want us using protection and mna bendinga zingeni, but I finally won the fight. Ndilale esifubeni somntu wam, kumnandi,  ndilibele nangabo Mondli bakhona.

I woke up in the middle of the night, ndiphethwe ngumchamo and I noticed umntu wam ebengekho secaleni kwam. I wore my robe, ndaya ebathroom, from there ndayojonga elounge. Ndifike ehleli, ejamele into eningayaziyo. Andisithi, phambi kwakhe, gqi ngephone yam. Hay ke, ndiyanyeleka kengok. Andisena privacy na ngoku?

Me:"hay, uyayibaxa kengoku mfondini."
Xola:"huh, ndiyayibaxa?"
Me:"ewe haibo. You are invading my privacy." Bendimince inyani le. Iphakamile lanto, yeza kum, mna ndabuyela umva.
Xola:"undenza ikaka Yonela and namhlanje uzondichazela ba ingxaki yakho iphi. Yintoni, andikuphi kakuhle? Andiku beji? Huh, yintoni le ongayifumaniyo apha kum, eyenza uyifune kwamanye amadoda? Huh, ufuna umitha futhi? Ungandiyeki nje ndikutye raw?"
Me:"look, I don't know what you are talking about,  but mna ndikhathele and am going back to bed." Ndatsho ndaguquka, ndajolisa umbombo wam ekamereni. Ndithe ndiyeva iyazi hleka hlekisa le inguXola.  Heh, anina picture,  andimincanga man, ndenze umhlola.

Ndithe ndiyeva iyeza le inguXola,  nako kemna ndibaleka ndiziqhusheka ebhedini. Ufike waonsa ezongubo wazilahlela le. Ndathi ndijonge eyo, waphuma wayovulela radio kutop, yagqumza, wabuya wazovala mnyango waseeamereni, wawutixa. Hay ke, ndaqala ndothuka.

Xola:"Yonela,  are you still dating Bhongo's father? " ndanyikinya intloko. "Ngubani omnye okufonela nge private number ngaphandle kwahwe?" Ndaphinda ndanyikinya intloko. "Ndixelele ke tandwa sam, yintoni le niyincokola everyday for ixesha elide kangaka?" Ndithe ndisayinyikinya lontloko futhi, yangena impama. Andothuka man. "Ndiyabuza Yonela."
Me:"u- ena, yho, yima." Yangena eyesibini. Ebengaphole man, ubungasoe utsho ukuba nguye lona undibethayo. "Sundenza ikaka Yonela. " eh, ndike ndamtuwa nini sekesithi ndimenza ikaka nje.? Ndiyivile ba iyandivuka iCheecky and ngamandla.

Me:"yazi, kunalena uyenzayo, ngcono uvele undilahle."
Xola:"ubone ba awuzisoli, awukhali nokhala. Andizohlilwa nguwe mna Yonela.  Uyabona ke sisi, ndizoku lungisa. Kona, ngubani uMzi.MNSPLTY? Huh? Kumnandi kuwe, ujola nakwa Masipala." Mxm, ndizithulele nje ndangake nditsho ukumphendula. I could see ba ifuna ukundihamba ngesbhaxu le chap, but ikhona lento imnqandayo. Ebengeno vulela iradio kangaka kanti uzondethusa nje kuphela. Ebenxibe itrack pants. Ukuphe iphone yam empokothweni, wayidibanisa nodonga. Yhooo, uyibhude apho. Andimthukanga man, kanti andazanga. Undilande ngenqindi ezansi kwebele ndawuva uqhawuka umphefumlo.

Xola:"ungakhe ulinge undiqhele mna." Uvulile emnyango, wayocima iradio. Ubuye ndisagobe lanto indala. "Gibela ebhedini ndizoku rubber mntu wam." Rhaa, nithi uyaziva nje. Ndimjonge ngelenkomo ndiziva ba iinyembezi zikufuphi. "Next time, andizodlala nawe. Ungade ukhale ke love, andika kwenzi nto, bendisaku qondisa izigweqe ezi unazo. Hlukana nezinto ezizosi xabanisa. You are in a relationship with me and I am in a relationship with you." I kept quiet,  ndangena ezingubeni ndazegquma. Hay shame,  at this point, I preferred Mondli. ?

#battery low.. sorry

No comments:

Post a Comment