Sunday, 24 May 2015

#1


Besihlala ke kulo flat, kumnandi kuyilonto. Zivaliwe ke izikolo ngoMarch,
sonke sagoduka, sigodukela iPasika..
uQaqamba wabuya kuqala ke yena kunathi, naleyo yangabinangxaki. yiva
nansi ke into,sonke sisezintombi ngokwazi kwethu, kodwa apha
emakhwenkweni, siyazithandela hay nje kancinci.
Usuku lwethu lokuqala, sike sadibanisa ke amasenti sathenga noko
ezibandayo zambalwa, sincokolelana ngeholide yethu mokuba besisenzani.
# ndilibele ubalisa ba uQaqamba noMihlali bayatshaya notshaya ke bona.


Mihlali:yhu, phanse ndibhaqwe ngutata ndinibalisele.
Q: xa ubusenzani wena?
Mihlali: koku kunqanqatheka kwam. Qonda ukuba make ndithi tsi ngasese
ndizimincele khona kanti elaxhegonalo lifolile liguna ukungena.. yhuu, zange
siyihleke kanje.
Me: kwathini kengoku mbhesti.
Mihlali: ufike kunuka kaloku, wabuza, nam ndathi ndifike kunjalo, phofu
andimanga, ndileqe uyoquma iphunga eli likum.
Q: usazobhaqwa wena ngoba awukwazi kuzibamba.
Mihlali: ungabisayithetha mfondini.

We chilled, kumnandi sisela sade sayolala.
sivukile ngakusa salungiselela ukuya eskolweni, sileqe nokujonga ireports
zethu ngoba singaba abangazange bazilande kalok. Kamnandi xasifika
eMarkete, kwabe kuzolayisha uSiya umntu kaQaqamba, sasoske sangena
kuye. Xa kufikwa esikolweni, uthi kuQaqamba angehli.


Q:haibo Sthe, funeka ndiye eskolweni.
Sthe: ngeke uze ufe usuku olunye mfethu.
Q: ha.a yho, ndiyehla mna.
Sthe: hey, ngitheni kuwena.. Hay, wajala umhlobo wethu, wazinza ndimbona
ba uyoyika. sehla kenathi sixakeke sinjalo, yajika ikhumbi yomfana, ijika
noQ wethu noscabha wakhona.
Mihlali: kuvele kwathini kanti.
Slindi: ningathi angini tshelanga, uyolalwa umngani wethu.
Mihlali: akuyonyo entsha naleyo.
Me: hay, ufuna ukuthini ngoku?.. saphazanyiswa kukukhala kwensimbi
yokungenisa umthandazo. Nako ke nathi sileqa uyofola, uSli wama emva
kwam. oko ke sibuzana ngalento kaQ sinoSli. Break time, akhange sidibane
ke noMihlali ngoba ebekwi Duty yakhe yokubali Prefect.


Ungazibuza, sipasa njani. Siyapasa sonke kodwa uMihlali ukrelekrele
ukusogqitha sonke. Yilentlobo ekungafuneki uphike nayo..
Ithe xa iphuma iphuma ibreak, ndambona umntu wam ehamba nomnye
umntwana wakwa six. umntu wam ebefunda uMatric ke naye, eyiPrefect.
Sijole kwiiveki ezimbini phambi kokuba kuvalwe izikolo.

Sli: ha we mha, uyamyeka. weMthoko wena.. utshilo owam umhlobo,
ekhwaza lomntu wam. wothuka waphanse ukuquleka umfana wabantu.
Me: hay maan wena, khoyeke omnye umntwana.. ndatsho ndimtsala
umhlobo lo wam sisiya ecklasini yesiZulu. engashwabuli maan uSli,
ubungafunga ngumntu wakhe lo uthathiweyo. Mna bendikhubeke
ndiyinyama.


phone yam iye yangcangcazela. Xandi jonga, nguMthoko ngo WhatsApp..
"will see you afterschool. love you".. rha, khange ndizihluphe ngoku
phendula. Uyandiqhela mos..

After school siphume sele endilindile umfana womzulu. Sithe singakafiki
eKhan Road shop, seva ngesiqhazolo sensini esikhatshwa zizithuko.
Sithe xa sijika, sabona ba yilantombazane ibihamba noMthoko ngebreak
neskwata sakhe, babe belandelwa nguMihlali noSli. Bekuthukanisa uSli.
Hahaha, ichomi endinayo.. Bathukene ke sana, ndathi ndisajonge leyo,
wavele wamisa itaxi umfana womzulu wahamba.. Yhoo, haibo.. Ndidonse
ichomi ezi zam, nam ndamisa itaxi sahamba.


Mihlali: haibo, kanti use kanje uMthoko?
Sli: ngisazo sithola leso slima. usijwayela kabi.
Me: hahahahahaha, ujola nabani kanti?
Sli: tsekk wena.
Mihlali: inyabile le.
Me: ungathi ndinyabile.
Sli: hay futsek wena.. Ndathula, ndikhubeke ndinjalo

No comments:

Post a Comment