Lento iqale ndisafunda u standard 8, eKharina Secondary. Oko ndajola,
akekho endingathi ndake ndaqhuba naye ixesha elingaphaya kwe nyanga
ezintathu. Bonke baske bavuke iimpiko, kubezintaka zibhabha.
Ndithe xa ndifunda ibanga lethoba, ndagxothwa eBoarding house, kunye
nabahlobo bam, sigxothelwa amakhwenkwe nalapho. sasingaba behla
besonyuka, ngezinye iimini singayi nasesikolweni. iyaziwa ke into
yaseMakethe xasele kudibene iziqavi zodwa.
singabahlobo abane ngokwenani. thina sibabini sikwibanga elinye, lethoba,
abanye ababini kweleshuki, kodwa awunotsho.
ndim noSlindile aka Sli ke kwelethoba.. kube nguQaqamba noMihlali
kweleshumi.
USlindile ungumZulubyedwa. ngowase Richmond.
¤¤¤¤¤¤¤¤¤¤¤¤¤¤¤¤¤¤¤¤¤¤¤¤¤¤¤¤¤¤¤¤¤¤¤¤¤¤¤¤¤¤
hay ke iintombi ezisithi, zike azabinangxaki zisogxothwa, ngoba bafumene
iFlat kwakhona edolophini, begibela xa besiya eskolweni. ibithi xa iphelile
imali yokugibela, bancedwe ngunotaxi kaQaqamba.. niyayazi ke into
yabantwana besikolo..
##### # ndiyebuya , kusaphele IBattery
No comments:
Post a Comment