#2
sade sayofika endlini oko bendiyuca, nam sendide ndithule, ndikhubeke
ndiyilonto.
Days went by engazihluphi tu uMthoko, apho bathe bambona khona
abahlobo bam, bamyuce aswele umgodi angangena kuwo. Mna eyam
intliziyo ibisexolile ba ndishiyiwe ndishiyiwe.
UQaqamba ungulo obeselandwa ngetshova ngunotaxi wakhe sana, and
empha nemali ke ubhuti.
Mihlali: ungamithi kulento yakho wena. kunjalo nje uyabonakala ba
uyalalwa.
Qaqamba: kengoku wena ungena phi xa ndilalwa?
Sli: niyesabe indoda .. Mna oko ndithule ngoba ndiyazi ukuba ndike
ndakhamisa, ndiyakukhunjuzwa ezam.
Libhabhile ke ixesha, wangoJune, sabhala sagoduka. Phof ke, sendinomnye
ofunda eAlex, uLuyanda. Ndndingamhoyanga kangako ke yena, ngoba
wayengumantombini umjongile.
¤¤¤¤¤¤¤¤¤¤¤¤¤¤¤¤¤¤¤¤¤¤¤¤¤¤¤¤¤¤¤¤¤¤¤¤¤¤¤¤¤¤¤¤¤
Sabuya ke kwezoholide, mna ndibuyiswa ngabazali abothuka boma xa
bebona ba sendihlala eFlatin. Azange ndiyibike kalok eyo ngoba
ndandisoyikaukuchaza ba umntu ugxothelwe ntoni. Bandingxolisa ke,
kwayilonto, bandishiya namasenti noko.
Pha emalanga, weza uLuyanda nabahlobo bakhe, kwathengwa ezibandayo,
kwanxilwa. Uphumile ke owam umntu, sphithiphithi, waphuma nomhlobo
wam uMihlali. Babuye sebebuya bobabini, naleyo, ndangayihoyi. Andazi ba
nditiphe nini, kodwa ndivue ekuseni sebengekho abafana, sabe silate
nasesikolweni.
Since singayanga endlini, we decided to go do groceries instead.
Qaqamba: khawutsho ke sihlobo, uyintoni noLuyanda?
Me: eeeh, wayibuza ibus ibhaliwe.
Qaqamba: andibuzi wena friend, ndibuza lonoqatiko unguMihlali.
Mihlali: Ndingu noqatiko Qaqamba?
Sli: khuluma, uyini noLuyanda?
Mihlali: nothing.
Q: ok girl, siyakuva ke.. heeh, ndasala ndithule ke mna ke.
Luyanda didn't bother to call me nor text that day, nam ndamyeka ke. Pha
late, walahleka uMihlali wazobuya ngo10 ebsuku.
Sli:usuyajola wena
Mihlali: hehehe, hay ke ngoku.
Q: ingabe yindoda yomntu ke leyo.
Mihlali: unengxaki wena and inkulu.
Me: niske nathini na nolamana?
Q: hay, andithule nyani..
Weeks went by, bekrwempana kubeyilonto uMihlali noQaqamba, nam
uLuyanda ndingasamazi. Besele ndiqala ukunukelwa ngumnqusho otshayo.
Me:Mihlali, ngubani le ndoda yakho ungakwazi noyiveza?
Q: hahahahahaha, ungabisamveza, kuyathathelwana apha endlini.
Sli: sohleka kanti nathi sesithathelwe.. yhu, waske wanqika iimpumlo
uMihlali wangasihoyi tu.
Me: uqumbele ntoni kengoku?. wathula umntu, hay nam ndamyeka.
Sli: masithatheni iwalk siye eMc Donald.
Mihlali: hambani, ndifuna ukufunda mna.. hehehehe, hay samshiya. Fike nje
sathenga iiIce cream, sahlala ngaphandle.
Sli: siyabizwa ma eh.
Q: ngubani?
Sli: those guys in silver grey BMW.
Me: hahaha, masiyeni.
Q: hay ska, mabeze bona.. hahaha, nako uSli ebakhweba naye. hehehe,
behle, beza nyani oobhuti. babini ke.
Guy 1: haw, sanibona.
Q: ewe ke.
Guy1: ninjani kodwa.
Q: siphilile, wena?
Guy1: hay sure, nathi sigrand.
Guy2: yini indaba ningezi sinibiza?
Me: nina abafuba thina kalok.
Guy2: oh. Mina ngiwuMondli.
Guy1: Sthe. nina?
Me: Yonela
Q: Qaqamba
Sli: Slindile.
Guy1: so, where do you guys live?.. Sli told him.
Guy2: so, when can we visit?
Q: niyobe nisiphathele ntoni ke bethunana?
Guy1: noba yhini eniyifunayo.
Q: mmmhhh, ndiyakuva.. They asked for our numbers, nathi ke sabanika
and they left. We left after them..
# to be continued
No comments:
Post a Comment