Sunday, 24 May 2015

#8


Eish,into ka Mondli nomntu wakhe ibindihlupha and inditya hay cancinci.
Kwase skolweni bendingasaqhubi kakuhle. USlindile kwaye kwanyanzeleka
ndimchazele okwenzeke phambi kwam noMondli, and ke shame,
wandixhasa ngeyona ndlela ngokwasemoyeni, emphefumlweni
nasengqondweni. Kuthe xakuzobhalwa uvavanyo luka September, itrayali,
ndazibeka kakuhle, ndazi xelelela ukuba ebesisifundo ebomini bam futhi
nentsielelo. iphone yakhe bendiyisebenzisa qha, futhi nemali yakhe
ewayemane endifakela yona, ibindinceda. Iinyanga bezintlanu, ekhaya
bengakazi nto, kodwa ke bendizixelele ukuba ndizobazisa xa ndisekhaya.
USthe, ebezama ukuzenza usbari ongathanga shu and ke shame,
bendimonqena ngoba naye wandenza isibhanxa. Wandiyeka ndamthanda
ubhuti wakhe kanti unomntu wakhe..


》》》》》》》》》》》》》》》》》》》》


September ndigodukile, ndikhwele itaxi, nto le besendi ngayiqhelanga. USthe
wandicenga ba andigoduse kodwa ndala ngoba kalok mna nosana lwam
asiyomhemhe yakhe.
Nako ke intombi endim ifika ekhaya iqutse isisu. Zange bothuke abazali,
utata waphanse unyukelwa ngutshukela(ndili kpondo kalok). Umama yena
bendi ngamchani kahle.
Zihambile iintsuku kusakrakra kunjalo ekhayeni, ndisoyika nokusuza.
Ngenye imini, ebusuku utata wandibizela ekamereni yabo.


Dad:"uthi kuvele kwamoshakala ndawoni?" cwaka le indim. "ndiyabuza
kalok sana lwam."
Me:"uxolo tata."
Mom:"uyahlukuhla?"
Me:"mama?"
Mom:"uyayi hamba ikliniki?"
Me:"hay mama."
Mom:"ugqirha yena?"
Me:"hay mama." lonke elixesha ndijonge phansi, andibonanga noba
sendichiphiza.
Dad:"hamba uyolala, ngomso unyoko uzokusa kwagqirha, asole
akujongelenezinto zokunxiba. Andizukubetha ngoku, ungade ulile." Xa
ndiphakamisa intloko ndimjonga, uncumile.
Dad:"ndizoku betha usobeleka. hambani ke niyolala." Ndaphuma
ndinyoshoza kodwa noko ixhala lehlile. Bendithandazela ukunga beleki
ngoba bendizo bethwa ngutata.

No comments:

Post a Comment