Sunday, 24 May 2015

#3

Hay ke ihambile iveki, kuyilonto phakathi kwaQaqamba noMihlali.
Me: "Niyandi xaka mna kwezinsuku. Nibanga ntoni kahle kahle?"
Q: "kuhle ngoku ungazi sthwathwa, ngoba uyoquleka uthi sa".
Me: "oho, haa ndithule."
Q:"thula nyani". utsho ejamele iphone yakhe..
Q: "ningathanda ukutya ntoni namhlanje?" ubuze ngolona ncumo.
Mihlali: "mhh, ndatsho ndabawela iBurger yase Steers."
Q: "xa uyiqhelelephi na nontombi?" hahahaha, asayihleka sino Slie.
Slie: "nami bengiyicabangela uSteers shame".
Me: "ngathi ingabane Ribbs. Kuqala, ngubani ozothenga?"
Q: "phola sana". watsho eyakwancumelene nephone.
Mihlali: "noba ngubani ke, akungo noTaxi wakho."
Q: "nqandani, ngoba sendikufuphi nokuqhekeza umntu".. Utsho ephakama
enxiba izihlangu.
Q: "Yonela ndikhaphe. Nina, ningapheki, siyeza ngoku ngoku. Ekhaya ba
ndiphe imali. ciao.".
Siphumile, xa sifika ezansi yalooza into engapheliyo le inguQaqamba.
Me: "ulahlekelwe yintoni kengoku?"
Q: "kha ume maan".
Me: "sundingxolisa kalok, ndizovele ndijike kalok mna".
Q: "mxm". undidonsele ngasema robhotini, apho bekume khona iGolf 6
eBlue, ingqale inesunroof.

Me: "Haibo, umageza empompini uthenge imoto na?"
Q: "indutsu yakho ava"..
Me:"Hahahahahahaaha, yondlekile osalayo". Uvule ucango sangena
ngemva. Yhu, andothuka. Ababhuti base McDonald's.
Q: "molweni."
Sthe: "ninjani?"
Q: "siyaphia, nina?"
Mondli: "Hay sure sigrand. Yoza, ugrand mabhebeza?"
Me: "andingo mabhebeza bhuti."
Mondli:"aw,ngiyaxolisa sisters. Ugrand ke odwa?"
Me: "hay ndiphilile"
Sthe:"So, nithe nifunani?"
Q:"Steers"
Sthe:"ok ladies". Uqhubile elijolise eMidlands.
Me:"kwaze bayothengwa kude bo ukutye".
Mondli:"yini, usucikekile yithi?"
Me:"hay anditshongo". uzihlekisile ubhuti wabantu. Luhle ke lona uncumo
lwakhe umntana bantu, etsho ngofaka iSilver nje. Hahahahahahaaha,
andancuma.


Sifikile eMall, saya eSteers sa order. Sithe sisalinde I-order yethu njalo,
wathi ucela ndimkhaphe aye e Debonair's.
Mondli:"sohlangana ekarini neh". utsho kumhlobo wakhe uSthe.
Sthe:"sure ntwana". utsho ehleka uSthe wakhona, yabe izibumbile le
inguQaqamba. Ndimkhaphile safika wa order iPizza yakhe, sogqiba
wandichulela etafileni sahlala salinda.
Mondli:"so, ufunda bani?"
Me:"ndenza uGrade 11"
Mondli:"kuphi?"
Me:"Kharina".
Mondli:"ok, how old are you?"
Me:"uzondenza ntoni? wena, umngakanani?"
Mondli:"oh, hehe, injalo? well, mina ngina26, and ngifuna ubengumngane
wami".
Me: "oh". wancuma sana ubhuti wakho. Igqityiwe order yakhe, wathatha
Pizza yakhe saphuma sangqala kwi Parking lot. Qaqamba noSthe bebesele
belinde thina. Singenile emotweni wayiqhita ejolise eflatini yethu uSthe. Fike
ndehla ngathi ndiyaleqwa, ndamshiya apho uQaqamba ngoba bendiyibona
lengqondo yakhe. Ndehle nokutya ke phof. Hay, ningahe nilinge nindijonge
kanjalo. Ngene ndixhakazela endlini, bandijonga ooMihlali.

Slie: "kade nihambile. Sikuphi lesiskhebereshe?"
Me: "singamantombi kalok thina. Ningaphikinathi". Kwangena uQaqamba.
Q:"makutyiwe maqobokazana".
Slie:"khulumani, niphuma kuphi?".
Q:"bendisayofunela isithwathwa esi sethu indoda. and hay shame, uyazifela
ubhuti wabantu."
Me:"ndinaye njena umntu".
Q:"ulate sana. sathathwayo esosibhanxa. thatha nangu uMondli okufunayo."
Me:"hay ngeke ude wamdala kakhulu ngeke."
Slie:"unangakhi kanti?"
Me:"26".
Mihlali:"yho, uyaphoswa wena".
Q:"mxelele sana".
Me:"heya,niqale nini uvana na nina?"
Q:"futsek ava".
Me:"uxolo dabawo. yhu, uske ube nolaka. Kona, kwenzeka ntoni phakathi
kwakho noSthe?"
Slie:"wafa wuMagez'empompini". hahahaha, now, that was worth my
laughter.
Q:"mxm, niyahlutha ngoku miqolo yenu." ebedikwe nyani shame, nathi sabe
singayekanga ukuhleka. ndingenelwe yiMessage, xandiyivula, gqi ngeAirtime
ye R60. Hayi kalok, ningake nilinge nindijonge njalo, ndingumntana weskolo
mna.
Me:"airtime engaka ndizoyithini?"

Slie:"huh?" ndaphazanyiswa kukhala kwephone.
Me:"hello?"
Caller:"hey love. Got your airtime?"
Me:"ewe, ungubani wena?". Bendili qikelela ilizwi eli ukuba lelika Mondli.
Caller:"kanti sibangakhi uma ungazukwazi umuntu wakho?"
Me:"icacile niliqela kalok, kunjalo nje andibhuli mna."
Caller:"eish, waze wangiphoxa. Anyway yimi uMondli."
Me:"oh,ok. enkosi ngeAirtime."
Mondli:"sure, ngikubone nini ke manje?"
Me:"andazi."
Mondli:"can I take you to school tomorrow morning?"
Me:"xa ufuna."
Mondli:"why uthanda ukungi phoxa so?"
Me:"andiku phoxi."
Mondli:"ok, ngize skhathi sini."
Me:"ngo 7:30am kumele ndibe ndisesikolweni".
Mondli:"ok,ngizofika ngo 7am."
Me:"ok bhuti. bye bye."
Mondli:"haibo njalo, angi thandwa? akukho no Baby ekugcineni."
Me:"abe sathini yena umntu wakho."
Mondli:"uwena phela umuntu wami."
Me:"andiyazi kalok mna leyo."
Mondli:"ukusukela manje uyazi ke, uwumuntu wam, nami ngiwumuntu
wakho."
Me:" andinamntu mna."
Mondli:"hahaha, ok, bye bye ke love."


Ndithe ndiyibeka iphone, ndathi gqi ngabahlobo bam bendithe ntsho
ngamehlo.

Me:"Haibo, yintoni ngoku."
Slie:"Hahahahahahaaha, waze wamoyizela bo."
Mihlali:"usemathandweni siyabona". Bendiphelile luncumo, nentliziyo idada
emafutheni. kungasemnandi entliziyweni, bendibhakelwe izikoni uqobo.

No comments:

Post a Comment