Sunday, 24 May 2015

#4


Nyani, ufikile ubhuti Mondli ekseni wasisa eskolweni, ndingu madam
kwiFront seat ye 1Series. iBMW ntanga. ngubani owayesitsho? phambi
kokuba ndehle mna, undinike iR50 wathi ngeye lunch, kwaye uyaxolisa
akazukwazi ukundilanda xa kuphuma isikoo.


Me:"enkosi". Ndivule ucango kuba ndizophuma. abanye bebendimele
egatini.
Mondli:"angisa tholi nehug le yembala?"
Me:"hay, uxolo." undihlekile, nam ndabe ndiphuma ndaqonda kubahlobo
bam.
Mihlali:"khawutsho, uthi kutheni ungamfuni lo bhuti?"
Q:"sekecinga ukumthatha kanti njemngoba sekekubuza lonyongo nje".
Mihlali:"unochuku Qaqamba, lento idikayo."
Q:"uxolo ke sisi, bendinga qondanga ukudika."
Mihlali:"mxm". yagqwashula yahamba intombi.
Slie:"hlukana noMihlali. Noma yini akwenze yona, khuluma naye niyilungise,
ayikho le uyenzayo."
Me:"inzima eyokuba kubile wena Qaqamba kodwa utye mna izithende."
Baqhale amehlo beno Slie ndabashiya apho.


Luqhubile usuku, oko uMihlali ehambela kude,naxa sigoduka, akakhange
ahambe nathi. Sikhwele kuSthe, unotaxi, uQaqamba wasala etaxini.
Slie:"ja, abekho laba abahlanyayo, ngitshele, ithini indaba yalo Mondli
wakho?"
Me:"ithini njani?"
Slie:"niyajoa noma?
Me:"hay, ndisacinga." Just then, I got an sms, it was from Mondli asking if I
was back from school. I responded telling him that we are passing by
Honcho's siya endlini, wathi ucela ndimkhaphe uya eHowick. Ndiqale
ndaziqhoshisa ke, wandicenga till ndivuma. Fike endlini ndakhulula
iUniform, ndanxiba iJumpsuit efloral yeskhindi endandiyi thenge eMr Price
nepump nje.
Slie:"aw, dlala mngane, uzohlanya bo umfana wabantu"
Me:"ngokwakhe lokho."
Undifonele esithi ungaphandle uMondli, ndadibana noMihlali xa ndiphuma.
Ebezibambele icuba lakhe ekhalisa umculo nge phone.
Mihlali:"awusemhle, uyaphi?"
Me:"ndiya kuMondli."
Mihlali:"ok, ukhona uQaqamba endlini?"
Me:"hay, simshiye kuSthe"
Mihlali:"omphi?"
Me:"umageza"
Mihlali:"ok. Wenze njenge ntombazane ke sthandwa, usiphathele into
emnandi."
Me:"uphambene". Uhlekile, ndahamba ndileqa kuMondli. Fike epholile
ubhuti, ekhalisa iDeep house,wabe ebambe ican ye Heineken.
Mondli:"wow, you look great"
Me:"enkosi"
Mondli:"phambi kokuthi sihambe, uzophuzani?
Me:"hay, andifuni twalwa mna"
Mondli:"awuphuzi?"
Me:"incase you didn't notice, it's Wednesday and I have school tomorrow. "
Mondli:"ok, am sure ulambile, ngikulande ungekatholi nesikhathi sokudla."
Me:"yeah, ndilambile."
Mlondi:"so, what would you like to eat?"
Me:"anything."
Mondli:"Nando's?"
Me:"yeah, I'll have a wrap". He drove to Nando's, fike wathenga take away
for mna and juice, then saqonda eHowick. Besiye kwenye nje indlu yomnye
umngani wakhe xa esitsho. Bekukhona nenye nje intombazane eseleindala
ebintle, ifakele neHairpiece entle ende, ebonakalayo ngeyemali. Igama
lentombazane bekungu Mbali, emhle man usisi. uBhuti yena beku nguSipho.

Asihlelanga kakhulu, enye into mna bendinga khululekanga kwaye
bendisafuna ukuhofunda. Uyaphela kaloku unyaka, kunjalo nje ndifuna
ukwenza iraza.

Endleleni ebuyela endlini ubuzile ba andilambanga na, ndathi hay, wazobuza
ba akhonto endizoyidinga na, ndathi hay nalapho. Fike wandishiya eFlatini,
ndaya ke kubahlobo bam ebebekhona, ngoba uQaqamba ubengekabuyi,
kwaye nathi besingenaxesha lakhe ngoba ungulobukhe alale kuSthe wakhe
iveki yonke. Sityile, safunda salala.

06:30am, Mondli called saying he will take us to school, hay bavuya bo
opeto bam. nam bendivuya ngoba kalok he is saving imali for thina.
Uyayazi into yokubangu mntana weskolo, neR5 le ibankulu kuwe.
Nyani usilandile wasisa eskolweni, waphinda wandipha iR50 yelunch,
wabika nokuba akazusilanda xa kuphuma iskolo.


》》》》》》》》》》》》》》》》》》》》》》

Uqhubile unyaka kuyilonto kum noMondli, endikhathalele, kodwa singakaze
sincamisane futhi ndingamazi nokuba uhlalaphi. Sigqibile ukubhala, wathi
utata ndizozigodukela. Since ndingasahlali eBoarding House, bendingazu
goduka nezinto zam zonke. Bendizothatha nje impahla. UQaqamba
noMihlali bebengabuyeli ePietermaritzburg, so bendizohlala noSlie kuphela.
Mondli wandikhapha ke mhla ndigoduka wafika wandibeka edolophini,
wajika ebuyela eMgungundlovu..


》》》》》》》》》》》》》》》》》》》

Besifonelana uDecember wonke, and yes, bendipase kahle so umntu
ebeyothenga iJersey emhlophe. Niyalwazi udaba. uQaqamba ebesiya
eBhayi, uMihlali eDurban. Oh, bendizoba khumbula shame. Utata waphinde
wandixelela ukuba xa sele ndiphinda eskolweni ndizozihambela. Eeh,
sekwathini na kanti apha ekhaya? Fine, nyani, zafika iintsuku zokuhamba,
bayondifaka etaxini eya eDurban. Mondli undilande eDurban, sayiqwhita
ejolise eMgungundlovu.


Hayike,nithini ba ubhuti atshone eBisley kwakhe apho ngendisa eFlatini.
Mondli:"yini, uzolala lapho?" undibuzile kuba ebona ndingaphumi emotweni.
Me:"hay, ndise apho ndihlala khona."
Mondli:"uzoya ksasa"
Me:"hay Mondli, andizo lala apha mna"
Mondli:"why not? relax, we won't do anything. I just want to spend
sometime with you" yhu, I was feeling uncomfortable shame. He begged me
till I agreed. I called Slie updating her, then called home, telling them I
arrived safely.


Shame,his house was nice for indoda ehlala yodwa. He gave me a tour of
the four bedroom house, 2 and a half bathrooms, lounge, dining, kitchen,
two garages,2 carpots and swimming pool. Heeh, bekukuhle shame. I was
told to feel at home, ndingu Madam. Nanso ke intliziyo iya kwa dada
emafutheni, nokhozo lidansa iMnike. Thixo wam. Unenzani lobhuti?

No comments:

Post a Comment